Indoda yaseLusikisiki igwetywe ubomi ngokudlwengula intwazana. Umfanekiso: Lucian Coman
INkundla yeNgingqi yaseFlagstaff igwebe ubomi ejele indoda (36) yaseLusikisiki ngoLwesihlanu, umhla we14 kweyoMdumba 2025, ngokudlwengula ixhoba elalineminyaka emine ngoko kweyeDwarha 2021. Inkundla iqhube yathi akafanelekanga ukuba nompu kwaye akakulungelanga ukusebenza nabantwana.
Ngokutsho kukaCaptain Welile Matyolo, kutyholwa ukuba umrhanelwa oyindoda onamashumi amathathu anesithandathu (36) uthathe intwazana eneminyaka emine yaseNgwenyeni eLusikisiki wayisa kwihlathi elikufutshane wayidlwengula.
“Ixhoba lazisa umama walo, kwaye ityala lokudlwengula lavulwa kwisikhululo samapolisa saseMtontsasa. Umrhanelwa wabanjwa wavalelwa ngo2021 de kwaba ngu2023, nalapho wafumana ibheyile.
“Wahlala ngaphandle ngebheyile ukusukela ngo2023 ngelixa ebevela izihlandlo ezininzi kwinkundla yengingqi yaseFlagstaff,” utshilo uMatyolo.
Emva kokuxoxwa kwetyala, wafunyaniswa enetyala waza wagwetywa ubomi entolongweni ngokudlwengula. Inkundla iqhube yathi akafanelekanga ukuba nompu kwaye akakulungelanga ukusebenza nabantwana.
UMkomishinala weSithili saseOR Tambo uMajor General Norman Modishana usamkele isigwebo kwaye ukwabulela umsebenzi omhle owenziwe ngumphandi weli tyala, uDetective Constable A. Masangwana, noze nobungqina obubambekayo enkundleni, nobukhokelele ekugwetyweni ngempumelelo umenzi wobubi.
Related Topics: