UMongameli Cyril Ramaphosa uxgeka utyelelo lwamaqela amaBhulu eMelika. Umfanekiso: Itumeleng English/ Independent Newspapers
UMongameli uCyril Ramaphosa ulugxekile utyelelo lweAfriForum neSolidarity Movement eMelika, elumkisa ngokudala iyantlukwano kweli loMzantsi Afrika.
Ethetha ngethuba kuqhutywa iLekgotla Education eBoksburg, eGoli ngoLwesine, uRamaphosa ugxeke iqela lamaBhulu elibongoze urhulumente kaMongameli waseMelika uDonald Trump ukuba bohlwaye oosopolitiki beANC ngokunyanzelisa imithetho nemigaqo-nkqubo yabo “engekho mthethweni.”
Amaqela agxile kumdla wamaBhulu ngoku aseWhite House eWashington DC, ecela uTrump ukuba adlale indima ngokungenelela kwaye akhusele amalungelo abo omhlaba eMzantsi Afrika.
Oku kusemva kokuba baye bala imvume kaTrump yokuba babe ziimbacu eMelika. Oku kuza emva kokuba uRamaphosa etyikitye uMthetho wokuThathwa kweMihlaba.
Ingxelo yombutho kurhulumente kaTrump igxininise ifuthe elikhulu lokubulawa kwabantu basezifama kumaBhulu, nangona inani lamafama abhubhileyo lalisezantsi ngokwentelekiso.
URamaphosa umemelele umanyano esithi iingxaki mazisonjululwe kwimida yelizwe.
“Kufuneka sithumele umyalezo ocacileyo kubo wokuba ngokuphathelene nathi, njengabemi boMzantsi Afrika abanebhongo, sikhetha ukuba sonke sihlale apha sisombulule iingxaki zethu. Le nto bayenzayo sele ibangele iyantlukwano kwisizwe sethu. Ayiyonkqubo yokwakha isizwe leyo – ukujikeleza ihlabathi uzama ukuba iingxaki zakho zisonjululwe.
“Ubangela iyantlukwano kuba uninzi lwabemi boMzantsi Afrika luza kuqala ukujonga abanye kakubi, kwaye andiqondi ukuba yeyona ndlela ilungileyo yokujongana neengxaki zethu,” utshilo uRamaphosa.
Related Topics: